Ulwazi lwabaqhubi zilori lokuqhuba ngokhuseleko, lwempilo entle nolokufika ekhaya usaphilile.
Le brotsha sisikhokelo sokukugcina ukwimpilo entle xa usendleleni.
Yijonge ngawo onke amaxesha unethuba.
Iphepha 1
Zokuwela iBhoda.
Kwiindawo ezikufutshane nemida malunga nemibuzo ephathelel kwezempilo.
Okwangoku abaqeqeshi abanolwazi baneenkonzo zasimahla baze
Bahambise iikhondom kwezi ndawo zemida:
Nceda uthethe nabaqeqeshi abanobubele!
Bavuma yonke imibuzo enxulumene nempilo yakho.
Ukuba uqesha abaqhubi zilori, unezinto ofanele ukubenzela zona.
Ingaba...?
Uyakwazi ukuqeqesha abaqeshwa bakho malunga nepolisi yempilo?
Uyabonelela ngolwazi lwezempilo neekhondom?
Uyabavumela abaqhubi bahambe nomhlobo xa thabatha uhambo olude?
Uyababonelela abaqhubi bakho ngeeglavu zakwaLatex ekufuneka bazinxibe ukuba bancedisa umntu owenzakeleyo?
Iphepha 2
Thatha ithuba lakho uphendule lemibuzo ilandelayo.
Wazi ntoni ngezi zinto zilandelayo:
Kufuneka ndisoloko ndisebenzisa ikhondom xa ndilala nomfazi xa ndingazi nokuba unabo na abanye abantu
Abantu abagulayo kwiindawo zabucala bangosulela abanye abantu xa belele nabo kwaye basemngciphekweni wokusulelwa yiHIV.
Indlela ongabona ngayo ukuba wena okanye umhlobo wakho unesifo kwiindawo zangasese (ISTD)
Ingaba umhlobo wam unazo?
Ingaba umhlobo wakho unokungcola okuphumayo?
Ukuba ewe, wenza ntoni?
Ukuba ewew, wena nomhlobo wakho okanye abahlobo bakho mabafumane icebo likagqirha kwisibhedlele, ekliniki okanye kwikliniki yasecaleni kwendlela.
Ngoba?
Kuba kulula ukufumana unyango lweSTD.
Iphepha3
Ingaba uyazi ngeeYunithi zoLwazi ngezeMpilo zasecaleni kwendlela?
Ingaba ndiyaphi ukuze ndifumane uncedo xa ndithe ndagula ndiseluhambeni endleleni?
Endleni yakho ungaya nakusiphi na isibhedlele sikarhulumanete, ikliniki okanye ugqirha. Kodwa ke kunzima ukushiya indlela ethe ngqo. Kwakhona kunzima ukumisa ilori yakho emini uze uyishiye ithuba elide.
Ikhona enye indlela!
Linga enye yeeYunithi zoLwazi ngezeMpilo zaseCaleni lendlela.
Zinamanesi anobubele aqeqesiweyo kwaye ungafumana icebiso kumntu oqeqeshelwe ukufundisa ngezempilo nangayiphi na ingxaki yokugula. Unagamisa ilori yakho ekliniki kwaye unakho nokufowuna ebusuku.
Ingaba iiKliniki zaseCaleni lendlela zinaluphi uncedo?
Unyango malunga neengxaki zempilo ngokubanzi ezifana neflu, intloko, ifiva yemalariya, isisu esibuhlungu okanye umqolo
Unyango namacebiso malunga nasiphi na isifo esikwiindawo zakho zangasese (STD)
Uncedo lokuqala lweengozi ezincinane
Iikhondom zasimahla
Iphepha 4
Lungumcimbi ofihlwayo
Lonke uncedo kwiikliniki zasecaleni lendlela luyafihlwa. Inkampani yakho okanye umqeshi wakho akasayi kwazi ukuba ukhe watyelele enye yezi kliniki.
Ndingaya nini?
Zonke ezi kliniki zasecaleni lendlela zivuliwe ukususela kwangoko emalanga kude kube sebusuku, phakathi evekini.
La maxesha alunge abalungele abaqhubi zilori abaxakeke kangangokuba kunzima ukumisa ngexesha lasemini.
Iphepha 5
IiYunithi zoLwazi zeMpilo zaseCaleni lendlela/iiKliniki zimi kwiindawo eziboniswe kule mephu.
Zinamanesi anobubele aqeqesiweyo kwaye ungafumana icebiso kumntu oqeqeshelwe ukufundisa ngezempilo nangayiphi na ingxaki yokugula. Ungamisa ilori yakho ekliniki kwaye unakho nokufowuna ebusuku.
Ikliniki zeMpilo nolwazi eSA ziliphulo leRFA, NBC neSebe lezeMpilo leSizwe.
Indawo
Ummandla ekuwo
Iphepha 6
Ukuba uyasokola ukufunda iisayini zeenkampani apho kufuneka uthule khona umthwalo ukufunda iinamaba pleyiti okanye amagama ezitrato
Kufuneka
Amehlo akho axilongwe.
Ukuxilonga ngokukhawuleza
Ikhadi lokuxilonga amehlo
Wazi njani?
Ukuba ube ungakwazi ukufunda zonke izandi, kufuneka ubone ugqirha wamehlo uze ufumane uxilongo lwamehlo olwenziwe ngobuchule.
Iphepha 7
Xa unesithukuthezi, ukhumbula ekhaya kwaye ukhumbula obathandayo...
Uchitha ixesha elide ukude nekhaya kwaye kukho amaxesha apho ukhumbula ikhaya ukhululekile ekhayeni lakho kunye nobathandayo.
Nanga amacebiso okukugcina uphilile endleleni:
Yitya kakuhle
Iziqhamo nemifuno ziyawomeleza umzimba zikunike amandla amaninzi. Zama ukuba ungatyi ukutya okunamafutha nokutyebisayo.
Lala kakuhle
Ukulala elorini akusoloko kumnandi njalo KODWA ukulala ngokwaneleyo kuncedisa ukuba usebenze ukwelona qondo liphezulu.
Zolule izihlunu zakho
Ukolula imilenze nokuzivonya umzimba amathuba ngamathuba kukwenza uhlale uphaphamile. Ukuphuma elorini nako kwenza ukuba uvuselele ingqondo yakho kwaye uphumle.
Impilo - ukuphakama uhambe!
Nakuba zingekho ninzi iindawo zokumisa iilori ezineshawa neendawo zokuhlamba, zama ukuhlamba yonke imihla. Ukuzigcina ucocekile akulungelanga impilo yakho kuphela; kukwenza nawe uzive udlamkile kwaye ukhululekile.
Ubungozi kwiindawo ezithile
Apha endleleni ulindelwe bubungozi obuninzi. Abaqhubi maxa wambi bayakhuthuzwa baze baxhinyiswe njengoko usazi.
Ngoko ke lumka usoloko ukulindele ukuthintela ingozi.
Khona ube usazi:
Iphepha 8
Khangela iimpendulo zale mibuzo kwiphepha elingaphambili:
Ayichanekanga Awungeze wosulelwe yiHIV xa uqhuba nomntu oneHIV emzimbeni wakhe. Ungayifumana iAIDS kuphela xa ulalana nomntu oneHIV ungakhuselekanga okanye xa uthe wahlanagan negazi elosulelekileyo. Yiloo nto kufuneka usoloko usebenzisa ikhondom xa ufumana isondo
Ayichanekanga Alikho ichiza lokunyanga iAIDS. Ugqirhs akakwazi ukuyinyanga. Ixhwele alikwazi ukuyinyanga. Akukho mntu unokuyinyanga. Ukuba wosulelekile kufuneka ufumane amachiza athileakhethiweyo namacebiso onyango athile.
Inyanisile Umfazi okhulelweyo oneHIV/AIDS angamosulela umntwana wakhe ngentsholongwane ekuzalweni kwakhe naxa emncancisa ibele. Kubalulekile ukuba abafazi abakhulelweyo baxilongelwe iAIDS. Banokufumana uncedo kwikliniki zabakhulelweyo. Olu ncedo luya umntwana amathuba angcono.
Ayichanekanga Awukwazi ukubona ukuba umntu wosulelekile yiHIV. Abantu bangajongeka bonwabile kwaye benganamaxhala, kodwa babe beneHIV. Kwelinye icala, abantu abajongeka bebhityile begula kungenzeka babe abosulelwanga yintsholongwane. Kukuxilongelwa iAIDS okunokukuxelela ukuba ingaba unayo na intsholongwane emzimbeni wakho, okanye ukuba awosulelekanga.
Inyanisile Ukuba ufunyaniswe uneHIV ayisosiphelo sendlela eso. Unokuphila ixesha elide kwaye unokuqhubeka uqhuba. Kodwa kuya kufuneka usoloko usiya kufumana amancedo onyango. Kuza kufuneka ufunde ukutya ngendlela efanelekileyo kwaye uqhelise umzimba njalo, kwaye kufuneka ungaseli okanye utshaye.
Nakuba kunjalo
Inyanisile Abantu abanezifo kwiindawo zabo zangasese (STD) banokosuleleka lula yiHIV ngexesha belalana bengakhuselekanga nomntu owosulelwe yiHIV. Abahlobo babo abalalana nabo basemngciphekweni wokosulelwa yiHIV?AIDS. Ukuba uneSTD, fumana uncedo lonyango ngokukhawuleza. IiSTD zinokunyangwa ngaphandle kweendleko okanye iintlungu. Thetha phandle nomntu olalana naye (okanye abahlobo) ngengxaki yakho kwaye ubakhuthaze ukuba bathethe ngayo.
Iphepha 9
Ufumene zangaphi ezichanekileyo kuvavanyo?
Ulwazi lwakho ngeHIV/AIDS lulungile kwaye uyazi ukuba ungazikhusela kanjani ukuba ungosulelwa.
Nakuba kunjalo, qiniseka ukuba awubandekanyeki ekulalaneni ngaphandle kokhuseleko.
Unixanduva lokwabelana ngolwazi lwakho nabanye abaqhubi abanokufuna amacebiso akho.
okanye ngaphantsi iimpendulo ezichanekileyo
Jonga iimpendulo ongazichananga. Qiniseka ukuba awubandanyeki ekulalaneni ngaphandle kokhuseleko. Kufuneka ubenoxanduva olukhulu. Kwakhona, qiniseka ukuba le nto uyenzayo ayikufaki emngciphekweni wokosulelwa.
Kufuneka ufune ulwazi olungaphezulu kolu. Iindawo olukuzo ulwazi nazi: abaqeshi, iikliniki, izibhedlele, iYunithi Zolwazi eCaleni lendlela, Amancedo efowuni eAIDS.
Iphepha 10
Ndingazikhusela kanjani?
Abazi ukuba bosulelwe. Thetha phandle nomhlobo wakho malunga nomngcipheko wokosulelwa yiAIDS.
Ukuba usela utywala okanye utshaya intsangu ungangakwazi ukuziphatha. Ungavuma lula ukulala kwaye kungalula ukuba ulibale ukusebenzisa ikhondom. Ewe, uyazi ukuba akufunekanga uqhube xa usele ukuba usela utywala okanye utshaya intsangu. Kufuneka usoloko uphethe iikhondom kuwe. Awazi ukuba ungahlangana nabani na, okanye ukuba ungeva njani na. Awusoloko usazi ukuba ningagqibela nisenza ntoni na.
UKULALA UZIKHUSELE
Kufuneka usoloko usebenzisa ikhondom ukuba awazi okanye awumthembi umhlobo wakho, kwaye ungaze uye kubantu abathengis ngokulala ungenayo ikhondom.
Ungazithenga iikhondom ekhemisti, esuphamakethi, okanye kumaziko epetroli. Ungazifumana simahla kwiiYunithi zoLwazi noNyango ezisecaleni leNdlela, kwiikliniki nasezibhedlele. Sebenzisa iikhondom ngendlela eyiyo. Jonga imiyalelo.
Luxilongo lwaselebhu kuphela olunokubonisa ukuba uneHIV okanye awunayo iHIV. Kulungile ukulwenza olu xilongo nokufumanisa ukuba ingaba unayo okanye awunayo iHIV/AIDS. Oku kuyawasusa amaxhala okungaqiniseki. Kukwakunceda nasekubeni ucwangcise ubomi bakho ngendlela.
Ungaxilongwa ekliniki okanye esibhedlele okanye ungafuna ugqirha wabucala akuxilonge. Abacebisi ababodwa nabachubekileyo baya kuthetha nawe wedwa kwaye ngasese phambi kokuba uthathe olu xilongo nasemva kokuba uzifumene iziphumo. Iziphumo zoxilongo ziya kunikwa wena kuphela. Akukho mntu wumbi oya kwazi ngolu xilongo. Uxilongo lusoloko lefumaneka simahla.
Iphepha 11
Njengendoda unoxanduva oluninzi:
Unoxanduva lomfazi wakho, abantwana bakho, abahlobo namanye amalungu osapho lwakho.
Kubalulekile ukuba uyikhathalele impilo yosapho lwakho kwaye ungamosuleli ngezifo ezifana neSTD okanye iHIV/AIDS umfazi wakho.
Ukuba noxanduva kuthetha ukuba ubakhathalele abafazi olala nabo. Qiniseka ukuba awubosuleli ngezifo kwaye ulumke ungafumani izifo kubo.
Hamba uye kuxoxa ngempilo nokhuseleko nabahlobo bakho. Mhlawumbi nabo balifundile eli nqakwana kwaye bafuna ukuthetha.
Wena nelori yakho
Qiniseka ukuba ilori yakho igcinwe kakuhle. Ukhuseleko lwakho lubalulekile, kwaye ukhuseleko luxhomekeke kwiloro ekwisimo sokufaneleka ukuba ihambe endleleni.
Zimbabwe
Iphepha 12
